3 UPilato wambuza ke, esithi, Ùnguye na uKumkani wamaYuda? Umphendule ke yena wathi, Nawe utsho.
4 Uthe ke uPilato kubabingeleli abakhulu nakwizihlwele, Andifumani tyala kuló mntu.
5 Kwaba kukhona ke bajokisayo, besithi, Ùxhokonxa abantu, efundisa kulo lonke elakwaYuda, eqalele kwelaseGalili, wada wezisa apha.
6 Ke kaloku uPilato, akuva elaseGalili, wabuza ukuba umntu lo ngowaseGalili na.
7 Wathi, akuqonda ukuba ngowasebukhosini bukaHerode, wamthumela kuHerode, obe eseYerusalem naye ngaloo mihla.
8 Ke kaloku uHerode, akumbona uYesu, wavuya kunene; kuba bekumzuzu ethanda ukumbona, ngenxa yokuba ebeve kuthethwa izinto ezininzi ngaye; kanjalo wayethembe ukubona umqondiso usenziwa nguye.
9 Wayembuza ke amazwi amaninzi; ke yena akamphendulanga nento.