3 Bakuba bengenile, àbawufumananga umzimba weNkosi uYesu.
4 Kwathi, ekukhohlweni kwabo yile nto, kwabonakala amadoda amabini, ebafikela, eneengubo ezibengezelayo.
5 Ke kaloku, bakubon' ukuba bangenelwe kukoyika, beqondele emhlabeni, athi kubo, Yini na ukuba ophilileyo nimfune phakathi kwabafileyo?
6 Akakho apha, uvukile; khumbulani ukuthetha kwakhe kuni, oko ebesekwelaseGalili, esithi,
7 UNyana woMntu umelwe kukuthi anikelwe ezandleni zabantu abangaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
8 Bawakhumbula ke amazwi akhe;
9 bebuyile engcwabeni, bazibika zonke ezo zinto kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye.