1 Ke kaloku, wathi uYesu, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabuya eYordan, wesiwa nguMoya entlango.
2 Wantsuku zimashumi mané ehendwa nguMtyholi. Akadla nto ngezo ntsuku; zakuphela ke, walamba.
3 Wathi uMtyholi kuye, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho kweli litye libe sisonka.
4 UYesu wamphendula esithi, Kubhaliwe kwathiwa, Akungasonka sodwa aya kuphila umntu; kungamazwi onke kaThixo.
5 UMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha.
6 Wathi ke uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona.