9 Wamsa eYerusalem, wammisa eluchochoyini lwetempile, wathi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya.
10 Kuba kubhaliwe kwathiwa,Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuba zikugcine;
11 kwathiwa,Ziya kukufukula ngezandla,Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho.(INdum. 91:11,12)
12 Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho.(IDut. 6:16)
13 Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu.
14 Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke.
15 Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke.