1 Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo.
2 Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.
3 Wathi kubo, Ningàphathi nto yandlela, namisimelelo, nangxowa yamphako, nasonka, namali, ningabi nangubo zangaphantsi ngambini;
4 nasendlwini enithe nangena kuyo, hlalani khona, ukumka nisuke khona.
5 Abo sukuba benganamkeli, yithini nakuphuma kuloo mzi, niluvuthulule nothuli ezinyaweni zenu, kube bubungqina oko kubo.
6 Bephumile ke, bayihambahamba imizana, bezishumayela iindaba ezilungileyo, bephilisa ezindaweni zonke.
7 Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, waziva zonke izinto ezenziwayo nguye; wesuka wathingaza, ngenxa yokuba bekusithiwa ngabanye, Kuvuke uYohane kwabafileyo;