34 Kuthe ke, akubon' ukuba uthethe ezo zinto, kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho.
35 Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.
36 Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bahlala bathi cwaka bona, àbabikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile.
37 Ke kaloku kuthe ngomhla olandelayo, bakubon' ukuba bahlile entabeni, wahlangatyezwa sisihlwele esikhulu.
38 Kwabonakala kuvela indoda esihlweleni apho, yankqangaza isithi, Mfundisi, ndiyakukhunga, mbone unyana wam; kuba ndimzele wamnye.
39 Ùyabona, uthatyathwa ngumoya, akhale kwangesiquphe, umbethe athi xhwenene, ade alephuze amagwebu; uze uthi, umqobile, umke kuye ngenkankulu.
40 Ndabakhunga ke abafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako.