12 Uthi kwaoko uMoya amkhuphele entlango.
13 Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mané, ehendwa nguSathana; waye endawonye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungisesela.
14 Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, esithi,
15 Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.
16 Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi.
17 Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.
18 Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.