18 Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.
19 Uhambele phambili kancinane esuka apho, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane, umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, beyilungisa iminatha yabo.
20 Wababiza kwaoko; bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni enabaqeshwa, besuka bamlandela.
21 Bangena eKapernahum. Engene kwaoko ngesabatha endlwini yesikhungu, wafundisa.
22 Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
23 Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala, esithi, Yoo!
24 Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Ùzé kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.