37 Bathi ke bona kuye, Siphe ukuhlala, omnye ngasekunene kwakho, nomnye ngasekhohlo kwakho, ebuqaqawulini bakho.
38 Wathi ke uYesu kubo, Aniyazi into eniyicelayo: ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna?
39 Bathi ke bona kuye, Sinako. Wathi ke uYesu kubo, Okunene indebe endiyiselayo mna, niya kuyisela; nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna, niya kubhaptizwa kwangalo;
40 kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam, asikwam ukupha ngako, ngaphandle kokupha abo kulungiselwe bona.
41 Bevile abalishumi, baqala ukubacaphukela ooYakobi noYohane.
42 Ke kaloku, uYesu ebabizele kuye, uthi kubo, Niyazi ukuba abo kuthiwa balawula iintlanga, bayazigagamela; nabo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.
43 Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba efuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;