1 Kwakubon' ukuba uyaphuma etempileni, uthi omnye umfundi wakhe kuye, Mfundisi, uyawabona na la matye angaka, nezi zakhiwo zingaka?
2 Waphendula uYesu wathi kuye, Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akusayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
3 Baye, akubon' ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma malungana netempile, bembuza ngasese ooPetros noYakobi noYohane noAndreya, besithi,
4 Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto, nokuba úya kuba yini na umqondiso, xa zonke ezo zinto ziza kupheliswa.
5 Wabaphendula ke uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa bani;