33 Lumkani, musani ukulala, thandazani. Kuba anilazi ukuba linini na ixesha elo;
34 njengokuba wathi umntu ehambela kwelinye, eshiya indlu yakhe, wabanika igunya abakhonzi bakhe, elowo wamnika umsebenzi wakhe, waza umgcini-mnyango wamwisela umthetho ukuba alinde.
35 Lindani ngoko, ngokuba ningàkwazi ukuba kunini na ukuza komninindlu: kuko ngokuhlwa, kuko phakathi kobusuku, kuko ekulileni kweenkuku, kuko kusasa;
36 hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele.
37 Oko ndikutsho kuni, ndikutsho kubo bonke, Lindani.