1 Waphuma apho ke weza kwelakowabo; bamlandela abafundi bakhe.
2 Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe?
3 Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade babo àbakuthi apha na? Baye bekhubeka kuye.
4 Wayesithi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo.
5 Wayengenako ukwenza namnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa.
6 Wamangaliswa kukungakholwa kwabo.Wayeyihambahamba imizana ejikeleza, efundisa.