31 Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle.
32 Bemka ngomkhombe ngasese, baya kwindawo eyintlango.
33 Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye.
34 Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi.
35 Kuthi kwakubon' ukuba seyihambile kakhulu imini, beze kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu;
36 bándulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo.
37 Waphendula wathi kubo, Bapheni nina badle. Bathi kuye, Símke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo* ezimakhulu mabini, sibaphe badle?