1 Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke.
2 Amagama ke abapostile* abo balishumi elinababini ngawo la: owokuqala, uSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe;
3 uFilipu noBhartolomeyu; uTomas noMateyu, umbuthi werhafu; uYakobi ka-Alifeyu, noLebheyu, ogama limbi linguTadeyu;
4 uSimon umKanan noYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo.
5 Abo bashumi linababini wabathuma uYesu, akuba ebayalile, wathi, Ze ningasingi endleleni yeentlanga, ningangeni nasemzini wamaSamariya;
6 yiyani ke kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.