1 Kwathi, xeshikweni uYesu ebegqibile ukubamisela abafundi bakhe abalishumi elinababini, wesuka apho waya kufundisa nokushumayela emizini yabo.
2 Ke kaloku uYohane, eyive esentolongweni imisebenzi kaKristu, wesusa bababini kubafundi bakhe, wathi kuye,
3 Wena ungulowo uzayo na, silinde wumbi, kusini na?
4 Waphendula uYesu wathi kubo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizivayo nenizibonileyo:
5 iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba; abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.
6 Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.
7 Bakubon' ukuba bayemka abo, waqala uYesu wathi kwizihlwele ngaye uYohane, Náye niphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yabe iyingcongola na, izanyazanyiswa ngumoya?
8 Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo bambatha ezitofotofo baba sezindlwini zookumkani bona.
9 Náye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, nóde wagqithisa kumprofeti.
10 Kuba lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa,Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho,Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.(UMal. 3:1)
11 Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.
12 Kususela ke kwimihla kaYohane umbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu buyagonyamelwa, bathi abagonyameli babuthimbe.
13 Kuba bonke abaprofeti nomthetho báprofeta kwada kwakho uYohane.
14 Kananjalo ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika.
15 Lowo uneendlebe zokuva makeve.
16 Ke kaloku ndiya kusifanisa nantoni na esi sizukulwana? Sifana namakhwenkwana ehleli ezindaweni zembutho,
17 ekhwaza abalingane bawo, esithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina anambambazela.
18 Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Ùnedemon.
19 UNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni. Ubulumko bugwetyelwe kokuvela ebantwaneni babo.
20 Waza waqala ukuyidubula loo mizi yayenzeke kuyo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngokuba ingaguqukanga, esithi, Yeha, wena Korazin!
21 Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, inge yaguquka kudala loo mizi ngeengubo ezirhwexayo nangothuthu.
22 Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka kwiTire nakwiTsidon ngomhla womgwebo kunáni.
23 Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla.
24 Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom ngomhla womgwebo kunawe.
25 Ngelo xesha waphendula uYesu wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yamazulu nehlabathi, ngokuba ezi zinto wazifihlayo kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana;
26 ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo.
27 Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho umaziyo uNyana, kuphela nguYise; akukho umaziyo uYise, kuphela nguNyana, nalowo athi uNyana athande ukumtyhilela.
28 Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.
29 Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.
30 Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.