11 Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibúzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; nihlale ke khona apho nide nimke.
12 Ekungeneni kwenu ke endlwini, ize niyibulise.
13 Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni.
14 Nóthe àkawamkela, akaweva amazwi enu, nàkuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu.
15 Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.
16 Yabonani, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga.
17 Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu;