19 Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na, nokuba nothetha ntoni na; kuba niya kunikwa ngelo lixa oko nothetha khona.
20 Kuba asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu.
21 Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana; bathi nabantwana basuke phezu kwabazali bababulalisise;
22 niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena.
23 Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizwi yakwaSirayeli, engekafiki uNyana woMntu.
24 Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe.
25 Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule,* akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe?