8 Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkéle ngesisa, yiphani ngesisa.
9 Ningaziqwebeli golide nasilivere nalubhedu emibhinqweni yenu;
10 nangxowa yandlela, nangubo zangaphantsi ngambini, nambadada, namsimelelo; kuba umsébenzi ufanelwe kukudla kwakhe.
11 Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibúzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; nihlale ke khona apho nide nimke.
12 Ekungeneni kwenu ke endlwini, ize niyibulise.
13 Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni.
14 Nóthe àkawamkela, akaweva amazwi enu, nàkuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu.