11 Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?
12 Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha.
13 Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye.
14 Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise.
15 Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.
16 Wabakhalimela ukuba bangamtyhili;
17 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,