13 Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye.
14 Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise.
15 Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.
16 Wabakhalimela ukuba bangamtyhili;
17 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
18 Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo;Intánda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam;Ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe,Waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo.
19 Akayi kuphika, akayi kunkqangaza,Akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni.