15 Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.
16 Wabakhalimela ukuba bangamtyhili;
17 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
18 Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo;Intánda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam;Ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe,Waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo.
19 Akayi kuphika, akayi kunkqangaza,Akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni.
20 Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula,Nomsonto oqhumayo akayi kuwucima,Ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo;
21 Kanjalo ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.(UIsaya 42:1-4)