40 Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu, kwangokunjalo, uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba.
41 Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ke omkhulu kunoYona nanku apha.
42 Ukumkanikazi welasezantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
43 Xa uthe ke waphuma umoya ongcolileyo emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla, ungakufumani.
44 Uze uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo; uthi ke wakufika uyifumane izé, itshayelwe, ivathisiwe.
45 Wandule ke ukuya uthabathe uze nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene beme khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe; kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.
46 Akubon' ukuba usathetha neendimbane ezo, kwathi thaphu unina nabazalwana bakhe, bema ngaphandle, befuna ukuthetha naye.