33 Wathetha omnye umzekeliso kubo, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni* zozithathu zomgubo, wada wabaliswa uphela.
34 Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; akathethanga kungengamzekeliso kuzo;
35 ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam,Ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi.(INdum. 78:2)
36 Waza uYesu akuzindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi.
37 Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu;
38 intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo;
39 utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu.