39 utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu.
40 Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade.
41 UNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho;
42 zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
43 Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
44 Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.
45 Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile* ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye,