16 Wathi ke yena uYesu, Anikabi nakuqonda na nani nangoku?
17 Anikaqiqi na, ukuba konke okungena emlonyeni kusinga esiswini, ize kulahlelwe endaweni esese?
18 Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zizo ezo ezimenza inqambi umntu.
19 Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.
20 Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.
21 Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon.
22 Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndénzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi.