6 Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.
7 Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi,
8 Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo,Bandibeke ngemilebe yomlomo wabo;Kanti intliziyo yabo ikude lee kum;
9 Bafumana ke bendihlonela,Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.(UIsaya 29:13)
10 Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani, niqonde.
11 Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu.
12 Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo zwi bakhubeka?