3 Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye.
4 Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; ukuba uyathanda, masenze apha iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.
5 Kuthe esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nâlo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintánda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.
6 Bathi abafundi, bakukuva oko, bawa ngobuso babo, boyika kakhulu.
7 Akufika uYesu wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki.
8 Bathe ke bakuphakamisa amehlo abo, àbabona mntu, yanguYesu yedwa.
9 Bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.