1 Kuthe ke, akubon' ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi,
2 Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; sizé kumnqula.
3 Uthe ke uHerode ukumkani, akuva, wakhathazeka, yena nayo yonke iYerusalem naye.
4 Wahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu.*
5 Bathe ke kuye, EBhetelehem yelakwaYuda; kuba kubhaliwe ngomprofeti kwathiwa,
6 Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda,Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda:Kuba kuwe apha kuya kuphuma uMlawuli,Onguyena uya kubalúsa abantu bam amaSirayeli.(UMika 5:2)
7 Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo;