15 Waba khona apho wada wabhubha uHerode; ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.(UHos. 11:1)
16 Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi.
17 Kwandula ukuzaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti esithi,
18 Kwavakala izwi eRama,Isimema nesililo nesijwili esikhulu,URakeli elilela abantwana bakhe,Engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.(UYer. 31:15)
19 Akubon' ukuba ubhubhile ke uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa, sisithi,
20 Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana.
21 Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli.