10 Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo.
11 Beyamkele ke, bamrokrela umninindlu,
12 besithi, Aba bokugqibela basebenzé ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini.
13 Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?
14 Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako.
15 Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndílungile mna?
16 Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.