28 kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
29 Bakubon' ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu.
30 Nanko kuhleli iimfama zímbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
31 Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
32 Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?
33 Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu.
34 Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo; zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela.