12 Wangena uYesu etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabananisi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe;
13 athi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange.
14 Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa.
15 Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye unyana kaDavide:
16 basuka bacaphuka, bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi ke uYesu kubo, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyáyo ùlungiselele udumiso?
17 Wabashiya, waphumela ngaphandle komzi, waya eBhetani, walala khona.
18 Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.