1 Waza uYesu wathetha kwisihlwele nakubafundi bakhe, esithi,
2 Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses.
3 Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi.
4 Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo.