18 Kanjalo nina nithi, Othe wafunga isibingelelo, akunto oko; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwaso, unetyala.
19 Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na?
20 Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso.
21 Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo.
22 Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.
23 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile* nekumin,* kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi.
24 Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, ke baginye inkamela.