2 Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses.
3 Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi.
4 Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo.
5 Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu; bawènze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo, bayàndise imiqukumbelo yeengubo zabo.
6 Kananjalo bathanda izilili zobukhulu ezidlweni, kwanezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu,
7 nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa ngabantu kuthiwe, Rabhi, Rabhi.*
8 Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana.