8 Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana.
9 Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini.
10 Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu.
11 Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu.
12 Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa.
13 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangénayo anibavumeli ukuba bangene.
14 Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; ngenxa yoko niya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo.