13 Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.
14 Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.
15 Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso,* ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe),
16 ngelo xesha mabathi abakwelakwa Yuda basabele ezintabeni.
17 Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe;
18 nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe.
19 Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!