2 Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha.
3 Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo;
4 kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo.
5 Ke kaloku, akubon' ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala.
6 Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela.
7 Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo.
8 Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima.