33 athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.
34 Úya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi;
35 kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini;
36 ndandizé, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.
37 Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sákubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza?
38 Sákubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uzé, sakwambesa?
39 Sákubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?