2 Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika,* aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
3 Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;
4 babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.
5 Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.
6 Ke kaloku, akubon' ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa,
7 kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile,* linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon' ukuba uhleli ngasesithebeni.
8 Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho?