1 Kuthe ke kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bambulale.
2 Bathi bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.
3 Waza uYuda, lowo wamngcatshayo, ebone ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela kwakubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, esithi,
4 Ndonile, kuba ndingcatshé igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto?
5 Zibonele wena. Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma.