33 Athi akufika ndaweni kuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi,
34 amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba asele; wathi akuyiva, akavuma ukuyisela.
35 Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso; ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.(INdum 22:18)
36 Ahlala phantsi, amlinda khona apho.
37 Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, LO NGUYESU UKUMKANI WAMAYUDA.
38 Kwaza kwabethelelwa naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.
39 Bamnyelisa ke bona abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo,