40 besitsho ukuthi, Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni.
41 Ngokukwanjalo ke nababingeleli abakhulu, bedlala ngaye, benabo ababhali namadoda amakhulu, bathi,
42 Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba únguKumkani kaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni;
43 sokholwa nguye; ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo.
44 Zaye ke nezihange, ezibe zibethelelwe eminqamlezweni naye, zimngcikiva kwangokunjalo.
45 Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba.
46 Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na?