7 Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.
8 Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje.
9 Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, ábammisela inani aboonyana bakaSirayeli, bawarholela umhlaba wombumbi,
10 njengoko yandiyalelayo iNkosi.
11 Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Únguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuyo, Nawe utsho.
12 Ke kaloku ekumangalelweni kwakhe ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendulanga nto.
13 Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe?