14 Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala nina.
15 Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako. Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje.
16 Bahamba ke abafundi abalishumi elinamnye, baya kwelaseGalili, kuloo ntaba wayebayalele yona uYesu.
17 Baza bakumbona baqubuda kuye; ke inxenye yathandabuza.
18 Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini.
19 Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele;
20 nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen.