2 esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.
3 Kuba lo nguye awayethetha yena uIsaya umprofeti, esithi,Izwi lodandulukayo entlango, lisithi,Yilungiseni indlela yeNkosi,Wutyenenezeni umendo wayo.(UIsaya 40:3)
4 Ke uYohane lowo ingubo yakhe ibiyeyoboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; kwaye ke ukudla kwakhe kuziinkumbi nobusi basendle.
5 Babephuma oko besiya kuye abaseYerusalem, nabelakwaYuda bonke, nabommandla wonke waseYordan.
6 Babhaptizwa nguye eYordan apho, bezixela izono zabo.
7 Ke kaloku, akubona into eninzi yabaFarisi nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, wathi kubo, Nzalandini yamarhamba, ngubani na onibonisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?
8 Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningabi nithi phakathi kwenu,