9 Thina sinobawo uAbraham; kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.
10 Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko yonke imithi engavelisi siqhamo sihle, iyagawulwa iphoswe emlilweni.
11 Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha; yena ke uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo:
12 omnyazi wokwela usesandleni sakhe; uya kusicokisa kuthi tu isandá sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe, kodwa wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.
13 Kuthi ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela kwelaseGalili, ukuba abhaptizwe nguye.
14 Ke kaloku uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, ùza kum na wena?
15 Uphendule ke uYesu wathi kuye, Vuma okwakaloku; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Andule ke ukumvumela.