43 Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho.
44 Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise;
45 ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.
46 Kuba xa nithe nathanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Àbenzi kwaloo nto yini na nababuthi berhafu?
47 Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Àbenjenjalo yini na nababuthi berhafu?
48 Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.