1 Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa.
2 Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
3 Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso?
4 Okanye ungáthini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nângo umqadi kwelakho iliso?
5 Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho.
6 Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile* zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge.
7 Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;