20 Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.
21 Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini.
22 Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na engameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi?
23 Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.
24 Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo.
25 Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni.
26 Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo.